













































































































































BONA XHOSA September 1997 73





Iimpahla Ozinqwenelela 
Umhla Okhethekileyo


UGert ngoku uneBridal Boutique epheleleyo. Izihlangu, impahla yangaphantsi neqhiya unokuzithenga kwalapha, kanti uGert unokukuyilela onqwenela 
ukukunxiba. Kanti eneelokhwe "ezikhe zanxitywa", ezinokukhethwa, zinookulungiswa ukuze zilungele wena.  
Ukuze uzuze inkcazelo ethe vetshe kwanokuhlela umhla eninokubonana ngawo, fowunela uSean okanye uGert kule nombolo 021 243413




Inkqubo Yokunonophela
iinwele Zomtshakazi NgeSof 'n Free
Imake-up yenziwe ngeALL THE COLOURS
OF WOMAN ngabakwaYardley
Izihombo zezakwaSTERNS


1. Abakwasof n Free bacebisa abaza kuba ngabatshakazi baqalise inkqubo yokunonophela iinwele zabo ebuncinaneni iinyanga ezintathu phambi kokuba batshate.
2. Yiya kwisaluni enodumo oluhle, mabakurilekse okanye bakupheme kuselithuba. Oku kukunceda ubone indlela iinwele zakho ezibukeka ngayo kuhlobo olukhethileyo.
3. Ukuze iinwele zakho zibukeke, yiya esaluni kabini ngeveki.
4. Emva kweeveki ezintandathu phinda usebenzise olunye uhlobo lweemveliso zokulungisa iinwele. 5. Ukulungiswa kwazo kokugqibela kufanele kube kwiveki enye phambi komhla wokutshata. Fak iqhiya yakho ukubona ukuba ufaneleka njani kwisimbo sakho sokugqibela seenwele. linwele zakho azinakukunika ngxaki naxa usekwihoney
moon.
Ezi ndlela zikwasebenza nakwiinwele ezifakelwe ii-extensions.


Inkqubo Yokunonophela iinwele Ekhaya
1. Hlamba iinwele zakho ngeSof 'n Free Moisturizing Shampoo, le yishampu     engenakonakalisa iinwele ozilungisileyo.
Xa usebenzisa le shampu ekuhlambeni umzimba ikushiya ulusu lwakho luthambile,lugudile. 2. Buza umlungisi-nwele wakho ngokuba unokuyisebenzisa kangakanani iOil Moisturizer. iya
kuxhomekeka
kwimeko nohlobo lweenwele zakho. Le mveliso ilungelelanisa
ukufuma kwiinwele
zakho.
3.ILight
conditioning
Hair Dress ilungelelanisa ukufuma kwentlonze, kufuneka isetyenziswe
njengoko uchazelwe ngumlungisi weenwele zakho.
4.I-The Sof'n Free Holding Hair Spray inokusetyenziswa mihla le ungenaxhala, kuba ikhaphukhaphu ayinakushiya ntsila kwiinwele



84 BONA XHOSA - Sept 1997
 
ISNOWFLAKE nawe amaqabane Obomi


ISNOWFLAKE SELF RASING FLOUR
Le yiflawa yekeyiki egalelwe igwele ukwenzela ubukhaphukhaphu kwiimveliso ezibhakiweyo.
isetyenziselwa ukuxuba msinya nezinto ezibhakwayo njengemiqhathane, iiwaffles, iikeyiki neebhiskiti.
Wakuyivula ipakethi kufuneka uyibeke kwindawo engangenwa-moya ukuze igwele lihlale lilitsha.
Xa ufuna iself-raising flour ibe ingafumaneki, sebenzisa i-250ml yecake ftour engaxutywanga ne-5ml yebaking powder, zisefe ndawonye ukuze wenze i-250ml yeself-raising flour.
Ukwenzela iwholemeal self-raising flour, galela i-5m1 yebaking powder kwi-250m1 yeSnowflake Nutty Wheat. Zisefe ndawonye phambi kokuba uyisebenzise.
Gcina iself-raising flour iinyanga ezi-6 ukuya kwezisi-8 kwiimeko nje ezintle, yifake unyaka efrijini okanye kwideep freezer.

IWEDDING CAKE
50g yebhotolo
185m1 yesweklle
250m1 yeSnowflake Seif-Raising
Flour
3 amaqanda
Nyibilikisa ibhotolo. Galela kwisitya sokuxuba ndawonye neswekile, iflawa namaqanda. Qhuqha imizuzu emithathu. Galela kwiitin yesandwich cake enomaleko ababini neyi-2Ocm. Bhaka kwionti oyenze shushu kuqala yafika ku-190C i-15 ukuya kuma-20 emizuzu. Kuyeke kuphole phambi kokuba ukuthi bhukuqu kwiraki yocingo.

UKUZIHLANGANISA
80m1 yeapricotjam engenamagaqa
25oml yocwambu okanye iOrley Whip
80ml yecastor sugar
5m1 yevanilla essence

Qhuqha ucwambu okanye iOrley Whip de iqine. Galela icastor sugar nevanilla essence. Xubisisa. ijam yiqabe kwikeyiki. Enye ikeyiki yibeke ngaphezulu. Qaba ucwambu ngaphezulu nasemacaleni ekeyiki. Hombisa ngeentyantyambo ezifreshi nozithandayo.

ICELEBRATION TARTLETS
125g yebhotolo okanye imagarini
125m1 yamanzi abllayo
500mlyeSnowflake Self-raising Flour
2m1 yotyuwa

Nyibilikisa ibhotolo, galela amanzi abilayo. Sefa izithako ezingemanzi ndawonye, galela kwibhotolo nomxube wamanzi. Xuba ukuze kuyileke intlama ethambileyo. Sibekela ngeplastiki, kufake efrijini iyure enye. Qengqa kwindawo efafazwe iflawa de kube bungqingqwa kangange-3mm. Yenza iicircles ngecookie cutter. Okusikileyo kufake kwitin yetart eqatywe amafutha, hlaba ngefolokhwe, faka efrijini imizuzu eli 10. Bhaka kwionti oqale wayenza shushu yafika ku-200C imizuzu eli-10 ukuya kweli-12. Unokwenza ezingama-24.

IIFILLINGS
Qhuqha i-250ml yekhrim de ibe buqina. Xuba  i 60ml yecastor sugar ne-5ml yevanilla essence. Galela kwiipastry shells uze ngaphezulu ubeke iistrawberries ezifreshi.
 Kwiipastry shells lungelelanisa amaceba eziqhamo ezinkonkxiweyo njengeaplikos, iipesika namapere, (khupha incindi). Nyibilikisa ijam yeaplikos okanye eyestrawberry, dyobha phezu kweziqhamo. Ngaphezulu fafaza iflaked almonds.
 Xuba i-30m1 yecustard powder ne-25ml yobisi ne-25m1 yeswekile. Bilisa i-250m1 yobisi. Galela ubisi phezu komxube wekhastadi, xubisisa. Galela kwakhona embizeni, bilisa qhubeka uzamisa de kujiye. Kuyeke kuphole, kugalele ngecephe kwipastry shells. Hombisa ngeglace cherries okanye isiqhamo esinqunqiweyo esifreshi okanye esinkonxiweyo.



78 BONAAbakwaYardley bavelise iimveliso ezirttsha eziphucula ukwakheka, ibala nokucaca kolusu Iwakho - ikudidi IwePure Perfomance.limveliso kolu didi ziquka okuphuma kwicucumber neziqhamo zelamuni. Okukhutshwe kwezi ziqhamo kunceda ekushenxiseni iiseli ezingafuneki kulusu, zizifudusela ngaphandle kolusu. Oku kuvula iintunja, kugudisa ulusu kubangela izithako ezifumisa zondle zingena nzulu kulusu.lPure Perfomance ikwanezithako ezikhuselaulusu kukwaluphala ngenxa yocinezeleko lwengqondo. ulcutshaya nokungcola. Ezi zifumisi zinesikhuseli elangeni esiyi-factor of eight.Ukuqiniseka ukuba ulusu lwakho fulungele mhla utshata, qalisa inkqubo yokunonophela ulusulPureerfomci nceEntsha yakwaYard leyzisuka nje.Sisebenzise ezi mveliso zePure Perfomance kuGeme. Kabini ngemini uGerrie ucoca ulusu lwakhe ngePure Perfomance Purifying Face Wash. Okuqatywa kulusu olufumileyo kuze kuhlanjwe ngamanzi adikidiki, okukhutshwe kwigrapefruit kuphucula inkangeleko yolusu kuze kushenxise nokunyinyitheka.Xa ulusu lucocekile, thambisa Soothing Skin Astringent enceda ekushenxiseni ukunyinyitheka nokuphucula inkangeleko yeentunja ezib.uvuleka.Ekugqibeleni sebenzisa iLight Day Protection with SPFE. Le ifumisa ulusu ilubangela lunganyinyitheki luze Iube nomtsalane.Qhubeka nenkqubo yakho yokunonophela utusu emva kokutshata uze uhlale uyinkosikazi entle!limveliso iPure Perfomance zisuka kwiA35, zifumaneka kwiivenkile eziphambili zakwaYardley. 

		BONA XHOSA - September 1997 81

		BONA XHOSA - September 1997 81

